Tru Fm Current Affairs

News

How parents creating social media pages for their children can be seen as a violation of the child's/children's privacy

Abanye abazali baye bafake imifanekiso, noshicilelo lweevidiyo kunye neenkcukacha zabantwana babo kumakhasi onxibelelwano afana noFacebook, Instagram kunye noTikTok. Bambi bathi oku bakwenza ukugcina iinkumbulo zokukhula kwabantwana babo, ngethuba abanye besithi baye basebenzise la maqonga ukuphuhlisa iitalente zabantwana babo. Nangona oku kubonwa njengokulungileyo kodwa ngokomthetho kungabe kunyhasha amalungelo omntwana, afana nokunikeza imvume ukuba imifanekiso yabo ifakwe kumakhasi onxibelelwano ngaphandle kwemvume yabo, ukupapashwa kobomi babo ngaphandle kwemvume yabo, nokubeka ubomi babo emngciphekweni. Amakhasi onxibelelwano asetyenziswa kakhulu ngoonqevu ukuxhwila abantwana ngeenjongo zoshishino nokubaxhaphaza ngokwesondo. Masincokole ngamalungelo abantwana kule meko. UAyabonga Kekana uncokole negqwetha lamalungelo oluntu, uZukiswa Mqakanya

09:58

Minister of Small Business Development, Stella Tembisa Ndabeni, will convene a consultation session on the Inyamazane Fund

Isebe elijongene namashishini asakhulayo lizakubamba iinkqubo zokuthetha-thethana eMthatha, malunga nengxowa yenkxaso mali ebizwa Inyamazane, neyinkqubo ephantsi kwe Small Enterprise Development & Finance Agency (SEDFA). Le nkqubo imiselwe ukuxhasa amashishini aphantsi kwamagqala omkhosi. Ezi zingxoxo zokuqala zokuzama ukuvuselela lengxowa ukuze kuncedakale lamagqala omkhosi. UAyabonga Kekani uncokola nophuma kwi-SEDFA noyi-Chief Investment Officer, uRichard Manzini.

05:53

TRUNEWS @6 - ANCYL says registration of delegates has been concluded

Iphiko lolutsha kwiANC lithi lilindele ukuba ibeyimpumelelo inkomfa yamashumi amabini anesixhenxe kazwelonke, nengazukuphikiswa. Eliphiko lolutsha libhengeze abagqatswa balo abathandathu abachongiweyo. Le nkomfa izakubanjelwa kwiziko le mfundo iUniversity of Limpopo, kwi Mpuma yasePolokwane. Inkokheli yabantu abatsha, uCollen Malatji, kulindeleke ukuba aphinde onyulwe njengomongameli, kwakunye noTsakani Shivity ophakanyiswe njengonobhala jikelele. UMalatji uthethe nabeendaba ngokulungela kwabo ukusingatha le nkomfa. Umongameli weANC, uCyril Ramaphosa, ulindeleke ukuba yena athethe nabathunywa. Ngabathunywa abangamawaka amabini anamakhulu amathandathu (2600) abalindeleke bathathe inxaxheba kule nkomfa. Masive nanku uAmanda Xhala, kwingxelo esiyilungiselelwe ngu-Avhapfanu Munyai...

03:09

NEWS REVIEW - ANC NGC REVIEW

Kwiveki esiphuma kuyo, umbutho we-ANC ububambe intlanganiso yebhunga likazwelonke lalo mbutho, iNGC ngamafuphi.  Le ntlanganiso, nebanjwa phakathi kweenkomfa, iqwalasele imiba eliqela, nequka ukuzigocagoca kwalo mbutho, kulandela ukubethwa kwawo kunyulo lukazwelonke lonyaka ophelileyo, ukuhlengahlengiswa komgaqo-nkqubo walo mbutho, kuquka nomgaqo-siseko wawo. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe ilungu leqoqo lolawulo kwi-ANC, uMzwandile Masina. Ukanti apha estudio sinomhlalutyi wezopolitiko, uNjingalwazi Ntsikelelo Breakfast...   

54:33

INTERCHANGE - Act of Kindness Campaign 2025 Critical Request: 16 Boys Currently in Initiation Need Immediate Support

Ukuya kwamakhwenkwe esuthwini lisiko elibaluleke kakhulu kwaXhosa. Iba yimincili kwiintsapho nezihlobo, kuguywe, kubhiyozwe kubemnandi. Noxa kunjalo, kwamanye amakhaya iba yintlungu kuba engazi ukuba aza kudibanisa ntoni nantoni ukuze unyana wekhaya elo aye entabeni abuye, ze amkelwe ngemibhiyozo. Kungeso sizathu ke umbutho iSakhisizwe School of Tradition, Culture, Leadership, and Excellence, neyiyinkqubo ephantsi kwe-Eastern Cape Men's Movement, igqibe kwelokuba ingenelele, ze incedise ngokuthi icele amalizo kwabo banakho ukuphosa nokuba yintonina, khon' ukuze amakhwenkwe alishumi elinesithandathu, nangabakhwetha sithethanje, afumane uncedo.  Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni siqhagamishelana nosihlalo walo mbutho, uJongi Hoza...  

04:23

INTERCHANGE - We review a book titled: The Beauty and Battle of a Single Mom

Kuhlalutyo lwencwadi, namhlanje sihlalutya incwadi esihloko sithi: The Beauty and Battle of a Single Mom, nebhalwe ngu Wendy Figlan. Le ncwadi iphehlelelwe kwiveki ephelileyo eKhayelitsha, eKapa kwiNtshona Koloni. Nje ngomama okhulisa umntwana eyedwa, uFiglan kule ncwadi ubalisa ngokuphola kwamanxeba asemphefumlweni, ukuthanda ngokungazenzisiyo nokuzixolela, ze uphinde ube namaphupha kwakho. Ukuva banzi ngengxam yale ncwadi, emnxebeni uAmanda Xhala ubambe umbhali wayo, uWendy Figlan...

06:19

30 MINUTES LIVE - The PAC is holding its elective conference in Gqeberha

Ingena kusuku lwesibini namhlanje inkomfa yePAC, nalapho kulindeleke ukuba yenyule iinkokheli ezintsha zala mbutho. Ukanti namhlanje kulindeleke ukuba umongameli wala mbutho, uMzwanele Nyhontso, awise ingxelo kamongameli egxile kumbutho. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe unondyebo walo mbutho kuzwelonke, uJaki Seroke...

05:54

30 MINUTES LIVE - Statistics South Africa releases Poverty Trends in SA Report with insights across population groups and provinces

Iziko leenkcukacha-manani, iStats SA, izolo likhuphe ingxelo ngeqondo lendlala eMzantsi Afrika. Le ngxelo ijonga utshintsho kwiqondo lentlupheko phakathi kweminyaka u2006 no-2023, inika ingqwalasela kumaphondo ohlukileyo, kunye nangokwehluka kweentlanga kweli. To discuss more of this, on the line Ayabonga Kekana is joined by the Acting Deputy Director-General responsible for Population and Social Statistics at Stats SA, Mr. Solly Molayi...

14:31

TRUNEWS @6 - SASSA clarifies life certification process and confirms no suspension of social grants

I-Arhente yesibonelelo sendodla, uSASSA, uphawule imiyalezo ethe ndii kumakhasi onxibelelwano ngeenkcukacha ezingachanekanga nezilahlekisayo malunga nenkqubo yokwenziwa kwesiqinisekiso sokuphila kwabaxhamli, nenziwa yile arhente ukuqinisekisa abaxhamli bayo. Iinkcukacha ezikumakhasi onxibelelwano zithi njengokuba iqhuba le nkqubo, ziza kunqunyanyiswa izibonelelo. Kodwa ukuba sicaciselwe ngale nkqubo, emnxebeni uAmanlda Xhala ubambe umanejala ophezulu kwicandelo lonxibelelwano kwaSASSA eMpuma Koloni, uTabisa Nondwayi...

06:07

TRUNEWS @6 - The ANC President could be voted by all party members in good standing across the country as opposed to just around 4000 delegates at elective conferences

Onke amalungu eANC aselungelweni kufanele ukuba avotele umongameli walo mbutho, ngokunxamnye nangaphambili, apho ibiba ngabathunywa abangamawaka amane kwiinkomfa zonyulo kuphela abenza njalo. Oku kwakwenzeka kuphela ukuba inkomfa kazwelonke ye-ANC iyakwamkela oku, kuquka nezindululo ezigxile kwimigaqo-nkqubo yalo mbutho, kwa nohlengahlengiso kumgaqo-siseko wombutho. Oku kuvele kwintlanganiso yesihlanu yebhunga leANC kuzwelonke, iNGC.  Le ntlanganiso, nequkunjelwayo namhlanje, iza kubona utshintsho kwimigaqo-nkqubo elishumi elinesibini equlathwe kumgaqo-siseko we-ANC, kwakunye neminye eliqela endululwayo kumgaqo-siseko welizwe loMzantsi Afrika. UZukiswa Tshume uza nengxelo esiyiqulunqelwe nguNtebo Mokobo...

05:14

TRUNEWS @6 - Oversight of the Presidency – parties react to new committee

Sizise iinguqu kupolitiko isigqibo sepalamente sokuseka ikomiti entsha eza kuqwalasela imiba ye-ofisi kamongameli. Oku kuphawula isiqalo ekubeni amalungu epalamente abe neqela elisekelwe ukuthabathisa uxanduva umongameli nosekela-mongameli, ngomsebenzi wabo.  I-ofisi kamongameli buqu ilamkele eli nyathelo, nalapho usekela-mongameli uPaul Mashatile athi yena noMongameli uCyril Ramaphosa bakulungele ukuhlolwa komsebenzi wabo, ze baphendule nayiphina imibuzo esuka kumalungu epalamente, nebonwa nje ngesemdleni woluntu. Imibutho yezopolitiko eyahlukileyo iyalixhasa eli nyathelo lokusekwa kwale komiti, ngelithi linyathelo ebekufanele ukuba kudala lathatyathwa, ngokubhekiselele ekomelezeni intatho-xanduva kwi-ofisi kamongameli. UMkhokeli Bandla uza nengxelo...

04:52

TRUNEWS @6 - Highlights of the Parliament's Ad Hoc committee established to look into concerns around national security

Iqale ngolonwabu ikomiti yethutyana yasepalamente, nesekelwe ukuphanda ngenkxalabo ngokhuseleko lwesizwe, kodwa ithe apho iqale khona yatyelela nkqu kwintolongo enokhuseleko oluluqilima ePitoli. Le komiti yasekwa yipalamente ngomhla wamashumi amabini anesithathu kweyeKhala, emva kwenkomfa yamajelo eendaba eyayibanjwe ngumkhomishinala wamapolisa kwiphondo iKwaZulu-Natal, uLt General Nhlanhla Mkhwanazi, kwangaloo nyanga. UMkhwanazi wenza izityholo zongenelelo lolwaphulomthetho, urhwaphilizo nopolitiko kwinkqubo yezobulungisa, zityholo ezo ezibandakanya amanye amagosa aphezulu kwinkonzo yesipolisa, kuquka nomphathiswa wamapolisa uSenzo Mchunu osele ebekwe kwikhefu elikhethekileyo sithethanje. UZalene Merrington uqwalasela ezinye zezinto eziye zaphambili kule komiti, kule ngxelo siyiphathelwe nguZukiswa Tshume...

06:01

NEWS REVIEW - We are discussing the challenge of underage drinking in South Africa

Sibone amaphulo aliqela alumkisa ngokubanjwa kwemijuxuzo eyaziwa ngePens Down, kwiindawo ezahlukileyo kweli. Isebe lemfundo, imibutho engafumani nkxaso kurhulumente, noluntu ngokubanzi, bamenyelela ulonwabo olungenatywala nanjengoko abafundi begqibile ukubhala. ENelson Mandela Bay, bekubanjwe umsitho wePens Down nalapho bekukho izinto zokuzinwabisa kungekho tywala ngenzame zokuphelisa lomkhuba. Uyakusikhumbula isehlo saseEnyobeni nalapho kwasweleka abantwana abayi 21 ngonyaka ka2022. Namhlanje, sithe masixoxe ngomba wokusetyenziswa kotywala, ingaba busetyenzisa ngelixesha kuphela okanye sinengxaki yabantwana abasela utywala. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe ugqirha ojongene noxinizelelo lwengqondo nomphedumlo uNjingalwazi Jabulani Kheswa, kwakunye nomsunguli wephulo elibizwa i #ungazibulali matric campaign, uGqirha Sanele Gamede...

52:14

Interchange-First ever Africa-Europe-Middle East Earthquake Response to take place in Africa wraps in Gqeberha

Usekela mphathiswa wesebe lolawulo ngobambiswano nemicimbi yemveli, uPrince Zolile Burns-Ncamashe, ugxininise isidingo sentsebenziswano yehlabathi ukuqinisekisa ukuba amazwe anako ukumelana neentlekele ezinkulu zendalo. Uvakalise oku ngethuba esenza intetho ngosuku lokugqibela lendibano yelizwekazi i  Afrika libambisene ne Europe, ebishukuxa amaqhinga okusabela kwiintlekele zendalo(  iAfrica-Europe-Middle East Earthquake Response Exercise) eGqeberha kwiphondo iMpuma Koloni. Le ndibano ihlanganise amagosa ajongene nentlekele, amaqela ohlangulo, kunye nemibutho yesisa ephuma kwihlabathi, ukuhlola nokuqinisa uMzantsi Afrika ukuze ubenokulungela ukuqubisana neentlekele ezinkulu zendalo. Masive ngokubanzi kuSisipho Ngcumbe...

02:46

Interchange-Black Friday month proves to have been a success this year

Kubonakala ngathi ibeyi mpumelelo kulonyaka iBlack friday, nalapho umzuzu ngamnye kuthengwe amatyeli angapha kwamakhulu asithoba (900)  ngosuku lweBlack Friday, ze kwathengwa amatyeli angamakhulu asixhenxe (700) ngomzuzu kwiCyber Monday. Ngokokutsho kwecandelo elijongene neentlawulo iPayInc, oku kubonakalisa ukusetyenziswa kakhulu kwemali ngelixesha. Inkampani ye insurance iVouch.co.za, ithi iintlawulo zenyanga yeNkanga zonyuke nge 15% xa kuthelekiswa nabanye oonyaka. Masive kwingxelo ka Nothando Magudulela...

03:09

COGTA has appointed a ten-person, multi-disciplinary task team to be deployed in the Nelson Mandela Bay Metro

Isebe lorhulumento ngentsebenziswano, lichonge iqela labantu abalishumi abazakujongana nendlela yokuziphatha kumasipala ombaxa iNelson Mandela Bay eMpuma Koloni ukuqinisa ulawulo, ukulungisa iinkqubo ezisilelayo lincedise nokuvuselela uhanjiso lweenkonzo. Olungenelelo luza njengokuba unondyebo weli egrogrise ngokubamba isixa-mali esingange 546 million randi eyabelwe lomasipala, ngaphandle kokuba lo masipala uthatha amanyathelo ngemali engaphezulu kwe 30billion randi kwinkcitho engafanelekanga esele kudala isenzeka. UNandipha Plaatjie usenzele le ngxelo...

03:21

Eastern Cape Transport and Health Departmens launch the festive season arrive alive campaign

Isebe lezothutho eMpuma Koloni lisebenzisana nelezempilo, lisungula iphulo lexesha leziyunguma lika fika uphila kuKomani. Amagosa ezendlela azakunikezwa izithuthi ezintsha ezingamashumi amathathu anesithandathu, ngelinge lokuqinisekisa ukuba ayabonakala ukuqinisekisa ukhuseleko ezindleleni. Kwisithuba nje saleveki idlulileyo, sele bebahlanu abantu ababhubhe ezindleleni, kwabanjwa abangamashumi asixhenxe ngokuqhuba phantsi kweempembelelo zotywala. Ukuncokola banzi ngeliphulo, Ayabonga Kekana uncokola nothethela isebe lezothutho apha ephondweni u Unathi Binqose......

06:37

TRUNEWS @6 - The Department of Military Veterans are verifying veterans, who need to receive benefits

ISebe lamagqala omkhosi libambe inkqubo kwisizwe siphela sokukhangela abo bangamagqala omkhosi, nabangasawafumaniyo amaqithiqithi ebekufanele ukuba baxhamla kuwo. Le nkqubo ikwaqulathe ukucocwa koluhlu lwabo, kususwe abo baxhamla ngobuqhetseba kwiSebe. Iqela elityunjwe ngumongameli elichongelwe ukubumba olu luhlu lwamagqala omkhosi, ukuqinisekisa ukuba kukho abantu abafanele ukuba kulo ngokwenene, ukucoca olu luhlu kwa nokomeleza umsebenzi wamagosa eli qela, sithethanje likuMntla Koloni isithuba esingangeeveki ezimbini ngelokukhangela amajoni angaqukwanga kolu luhlu. UZukiswa Tshume uza nengxelo kaKarabo Siyoko...

02:19

TRUNEWS @6 - Murder accused Katiso "KT" Molefe's two bodyguards have been arrested at the Alexandra Magistrate's Court north Johannesburg

Kubanjwe oonogada ababini baka Katiso KT Molefe nongumtyholwa kwityala lobulala. Oku kwenzeke kwinkundla kamantyi yaseAlexandra eRhawutini. UMolefe kwakunye nesithathu atyholwa naso, bavele okwethutyana enkundleni phambi kokuba ityala labo lithunyelwe kwinkundla ephakamileyo yaseRhawutini. UMolefe utyholwa ngokuba ngungqongqondo wokuqesha iinkabi zibulale abantu ekunye natyholwa nabo. Lamatyala aquka ukubulawa kwenjineli uArmand Swart, uOupa Sefoka nowaziwa ngoDJ Sumbody, uHector Buthelezi nowaziwa ngoDJ Vintos kwakunye nosomashishini, uDon Tindleni. UVuyolwethu Mabeqa ukwenzele le ngxelo kaSashin Naidoo...

02:34

Eastern Cape ANC Chairperson, Oscar Mabuyane, has poured cold water on any reports or suggestions that he is seeking a third term

Usihlalo we ANC eMpuma Koloni, uOscar Mabuyane, uzibhebhethile iingxelo zokuba ufuna ithuba lesithathu njengosihlalo wephondo nokuba sithetha nje wenza iinzame zokuba kwisikhundla esiphezulu salo mbutho kuzwelonke, xa kubanjwe unyulo lukazwelonke ngo2027. Uthi uyakuzicinga ezimbono xa kufike ixesha. UMabuyane ebethetha nejelo leSABC ngethuba lentlanganiso yebhunga lalombutho ephondweni, ngaphambi kwentlanganiso yesihlanu yebhunga kuzwelonke, nezakubanjwa ngoMvulo eBoksburg. UHlumisa Qabaka usenzele le ngxelo

02:12
Close

Save video to ...