listen to Tru Fm Current Affairs
TRUNEWS @6| Why is intra-African trade still so low despite the African Continental Free Trade Area being one of the world's largest free-trade areas?
Ngonyaka u-2021 amazwe ase-Afrika angamashumi amahlanu anesine aangena ngokusesikweni kwinkqubo yorhwebo oluphakathi kwamazwe akwilizwekazi i-Afrika. Le nkqubo ibizwa ngokuba yi-African Continental Free Trade Area, lelona qonga likhulu lorhwebo kwihlabathi ngokwamazwe athatha inxaxheba kulo, kwaye injongo yayo kukuphakamisa ukuzimela kwe-Afrika kuqoqosho ingaxhomekeki kumazwe angaphandle kuyo, ukwehlisa irhafu yentengo kwiimveliso zorhwebo phakathi kwala mazwe, nokucutha imigaqo engumqobo kwinkqubo yorhwebo. Emva kweminyaka emihlanu, iqondo lorhwebo kweli qonga lisesezantsi kakhulu, kuba kuqikelelwa ukuba limi kumyinge weshumi elinesithandathu ekhulwini. Yintoni ebangela lonto? U-Amanda Xhala uncokole nengcali kwimiba yoqoqosho norhwebo, uGqirha Simiso Msomi, ngale nyewe…
TRUNEWS @6| The Con Court declares the Public Procurement Act invalid
Inkundla yomgaqo siseko yoMzantsi Afrika, igwebe ngelithi inkqubo eyalandelwa yipalamente ukupasisa umthetho olawula inkqubo yentengo karhulumente (Public Procurement Act), ayikho semthethweni. Owona mbuzo ubuphambili kwelityala ngowokuba, ingaba ipalamente yenza ngokwaneleyo ukubandakanya izimvo zoluntu kusini na. Injongo yalomthetho kukumisela umgaqo omawulandelwe xa kukhutshwa itender okanye kusenziwa intengo. Amanda Xhala spoke with the Advocacy Coordinator from AmaBhungane, Caroline James...
TRUNEWS @6 - Concerns growing amid the ongoing killings of women, despite GBVF being classifies as a National Disaster
Imibutho yoluntu ivakalisa inkxalabo ngokubulawa kwaminina nakubeni nje impatho-mbi esekelezelwe kwisini nokubulawa kwamanina, iGBVF, yachazwa njengentlekele yesizwe. Kungoku nje amapolisa aphanda ngamathuba oku ngahle kuyanxulumana ukubulawa kwamanina alithoba Ekurhuleni, kwisithuba seenyanga ezimbini ezigqithileyo. Kunyaka ophelileyo urhulumente wachaza iGBVF njengentlekele yesizwe phantsi komthetho ojongene neentlekele. Sithe makhe sijonge ngomsebenzi neenzame esele zenziwe ukuzakuthi ga ngoku. ukuqubisana nempatho-mbi esekelwe kwisini nokubulawa kwamanina. To discuss more about this, Amanda Xhala spoke with the Spokesperson for the Department of Women, Youth and Persons with Disabilities, Cassius Selala...
TRUNEWS @6 - The South African National Space Agency introduces rural space hubs
Ubuchwepheshe bale mihla benze kubelula ukuba sibenolwazi ze sibone okwenzeka emajuku-jukwini, silapha emhlabeni. Obu buchwepheshe buncediswa luphando lwezobunzulu-lwazi. Konke oku kuyasincedisa ekuzuzeni ulwazi oluphangaleleyo ngokwenzeka kokungqonge ihlabathi, kusincedise nasekucwangciseleni ikamva. Iziko iSouth African National Space Agency kule minyaka ilishumi elinesihlanu, lidlale indima enkulu kuphuhliso lophando kwicandelo lobuchwepheshe nobunzulu-lwazi. Kwaye ngoku bafuna ukusondeza oku kulutsha olusemaphandleni. Amanda Xhala spoke with the South African National Space Agency CEO, Humbulani Mudau....
TRUNEWS @6 - We analyse the latest on the political front
I-ANC ithi iza kubhena ngakwisigqibo senkundla yezonyulo, kulandela isigqibo sale nkundla sokukhaba isibheno salo mbutho ngakwikomishoni yonyulo ezimeleyo. Oku kuza emba kokuba le komishoni ivalele ngaphandle abagqatswa be-ANC abayi-181 abaphuma koomasipala abathandathu, emva kokusilela kwalo mbutho ukufaka uluhlu lwabagqatswa bawo kule komishoni ngosuku olwalusikelwe oko. Ukuxoxa banzi ngalo mba, nangeminye imiba yezopolitiko, u-Amanda Xhala uncokole nomhlalutyi wezopolitiko, uGqirha Nkosikhulule Nyembezi...
TRUNEWS@6-South African BRICS Youth Association, highlights the role of BRICS in creating direct benefits for member countries
Ngamazwe alishumi elinanye aphantsi kweBRICS, nomsebenzi wawo ikukuphuhlisa amazwe kwakunye nokusebenzisana. Lamazwe aquka iBrazil, China, Egypt, Ethiopia, India, Indonesia, Iran, Russia, Saudi Arabia, noMzantsi Africa. Phantsi kwe-BRICS kwaye kwasekwa umbutho ojongene nokuphuhlisa ulutsha, iSouth African BRICS Youth Association. Amanye amaphulo aqhutywa yi-SABYA kukudityaniswa kweenkokheli ezingamakhulu amathathu ezisakhulayo neziphuma kumazwe aphantsi kwe-BRICS. Amanda Xhala converse with the chairperson of South African BRICS Youth Association, Raymond Matlala.
TRUNEWS@6-Analysis on : ANC NEC member Andile Lungisa takes Mbalula to Court
Kwinqaku lethu lezopolitiko namhlanje, ilungu lesigqeba esiphezulu seANC nomgqatswa kwisikhundla sika sodolophu womasipala ombaxa, iNelson Mandela Bay, uAndile Lungisa, ubhenele kwiinkundla zamatyala malunga nomba wokukhutshwa kwakhe kuluhlu labagqatswa ngaphambi konyulo loomasipala. Igqwetha lakhe, uSinawo Makhangela, lithi uLungisa unetyala elibambekayo azakulixoxa kwinkundla ephakamileyo yaseRhawutini, ngomhla wamashumi amabini anethoba kule nyanga. Komnye umba esizakuwushukuxa, umfela ndawonye wemibutho yabasebenzi, iCOSATU, ubambe inkongolo yeshumi elinesihlanu ukonyula isikhokheli esitsha salo mbutho. UAmanda Xhala ubambe udliwano ndlebe nomhlalutyi wezopolitiko ugqirha Ongama Mtimka.
NEWS REVIEW| Unpacking EC crime stats, as contact crime cases decline
Kule veki siyiqukumbelayo, inkonzo yesipolisa eMpuma Koloni ikhuphe ingxelo yeenkcukacha-manani zolwaphulo-mthetho zekota yokuqala yonyaka-mali u2026/27. Kuzo, iqondo lokubhaliswa kwamatyala okubulala, ukudlwengula, uxhatshazo noxhatshazo ngokwesondo lwehle ngomyinge ka-two-point-six percent ekhulwini. Nangona nje oku kusamkeleka, lukhona noluvo lokuba la manani awabonisi mfanekiso uchanekileyo ngemo-ntlalo yabo. U-Ayabonga Kekana uye wancokola nomkomishinala wenkonzo yesipolisa eMpuma Koloni u Lieutenant General Vuyisile Ncata…
INTERCHANGE| EC NPO fights crime and substance abuse
Ukunqongophala kwamathuba emisebenzi, ulwaphulo mthetho nokusetyenziswa kweziyobisi, yeminye yemingeni emikhulu kulutsha oluhlala kwiindawo ezisemaphandleni. Yilento ibangele ukuba usomashishini nentsha-ntliziyo lophuhliso lolutsha, uTembelihle Tshatshu, eye wasungula umbutho ongekho phantsi kukarhulumente i-TeeMac Youth Game Changers. Lo mbutho uliqonga lophuhliso lwezakhono zolutsha, ukubancedisa ukukhangela imisebenzi nokuba neenkqubo ezahlukileyo zophuhliso nemidlalo, ekhwebula abantwana nolutsha kulwaphulo-mthetho neziyobisi. U-Ayabonga uncokole naye uTshatshu ngalo msebenzi wombutho wakhe...
INTERCHANGE| Biko's struggle for black emancipation in vain, says AZAPO's Nelvis Qekema
Umongameli wombutho i-AZAPO uNelvis Qekema, uthi unyulo loomasipala oluzakubanjwa ngenyanga yeNkanga kufuneka ibelithuba abantu abantsundu abalisebenzisa ukutshintsha iimeko ezingekho mgangathweni abaphila phantsi kwazo, kule minyaka ingapha kwamashumi amathathu idlulileyo. Uthi olu tshintsho ingasesona sipho sihle kumzabalazo walowo wayeyinkokheli ye-Black Consciousness Movement, uSteve Bantu Biko. UBiko wabulawa ngurhulumente wenkqubo yengcinezelo ngolu suku, ngonyaka ka-1977 (12 September 1977). UQekema uthi umgangatho wempilo yabantu abamnyama emva kokufumana inkululeko, ubonisa ukuba idabi uBiko awayelilwela alikaphunyelelwa. U-Ayabonga Kekana usilungiselele ingxelo kaNtebo Mokobo...
TRUNEWS @6 - South African Football Association (SAFA) elections
Babini abagqatswa abajonge isikhundla sokuba ngumongameli kumbutho olawula ibhola ekhatywayo, iSouth African Football Association (SAFA). Esi sibini ngugqirha Danny Jordan, nokhokelayo kulombutho kungokunje, kwakunye noSandile Zungu ongusomashishini ekwangumlawuli weqela iAmaZulu Football Club. Ugqirha Jordaan ujonge ukukhokela iSAFA isihlandlo sesine. Akhona ke amaphondo afana neKwaZulu-Natal, Mpumalanga, Limpopo kwakunye neMpuma Koloni, nasele evakalise ukuba axhasa bani. Ukanti iGauteng, Freystata, uMntla Ntshona kwakunye noMntla Koloni, awakaphumi phandle ukuba axhasa bani. INtshona Koloni, kuyavakala ukuba yohluke kubini. U-Amanda Xhala uncokole nentatheli yezemidlalo, uMonwabisi Jimlongo ngale nyewe...
TRUNEWS @6 - CONSTITUTION 30FOR30 Campaign
Usapho, indawo yokuhlala okanye indlu yakho, nobomi obungcono ekuhlaleni, zizinto ezikhuselwayo ngumqulu wamalungelo oqulathwe kumgaqo-siseko weloMzantsi Afrika. Nanjengoko umgaqo-siseko weli lizwe ugqiba iminyaka engamashumi amathathu sukela oko wathi wasekwa, ingaba uthini ngokubhekiselele kwezi zinto sele sizikhankanyile? Ukuxoxa banzi ngalo mba, u-Amanda Xhala uthethe nengcali yezomthetho, uPheleka Mahlathi...
TRUNEWS @6 - EL NINO phenomenon is looming
Kuvakala ukuba kuza ingqantsini yelanga ngenxa yemo yezulu ebizwa ngokuba nguEl Nino. Kuvakala nokuba izakuba yeyona inamandla kwisithuba seminyaka engaphezulu kwelikhulu. Ukuba sive ngefuthe lale mozulu, on the line we are joined by the Senior Scientist in the Research department at South African Weather Service, Kelebogile Mathole
TRUNEWS @6 - Treasury proposes central administrator for R88.6bn in unclaimed assets
Unondyebo woMzantsi Afrika, ucebisa ukuba ilawulwe kwindawo enye kusetyenziswa i Corporation for Pubic Deposits (CPD), imali engange R88.6 bhiliyoni randi ekungekafakwa mabango ngakuyo, efana neemali zomhlala phantsi yabasebenzi. Igunya bantu eliqwalasela indlela yokuziphatha kwamaziko ezemali, liphawule ukuba kukho umngeni kwinkqubo yokukhangela nokugcina iinkcukacha kumaziko ohlukileyo, ngelinge lokufumana abanini bezimali. Yilento ibangele ukuba unondyebo weli eze nesisiphakamiso. Ukuva banzi ngokuba oku kuzakusebenza njani, u-Amanda Xhala uthethe nophuma kwi ofisi kanondyebo wesizwe, uBasil Maseko....
TRUNEWS @6 - "NKUSI IT Siyasebenza," an application developed to track down ghost workers
Kule veki kwinqaku lethu elijonga ubuchwepheshe, sijonga ukusungulwa kwe-Application encedisa urhulumente kunye necandelo labucala ekukhankanyeni nokusiphula neengcambu umkhwa wokuhlawulwa kwabasebenzi bomgunyathi, abakwiinkqubo zengqesho zamasebe kunye namaqumrhu karhulumenete, lento kuthiwa zii-Ghost Workers. I-Nkusi It Siyasebenza, sele incedise isebe lezothutho eMpuma Koloni kwinkqubo yalo ye-Expandend Public Works Programme, i-EPWP, nenabasebenzi abangapha kwamawaka angamashumi amathathu (30 thousand). Abasebenzi abangekhoyo kwiinkqubo zengqesho zikarhulumente bayaqhubeka nokutyabula urhulumente iibillion zeerandi rhoqo ngonyaka. Ukuva banzi ukuba isebenza njani na le App, kwaye ilulutho kangakanani na, uAmanda Xhala uncokole nomsunguli wayo, uNkululeko Silimela...
TRUNEWS @6 - Competition Commissions's Rural and Township Economy Project
Ikomishoni yokhuphiswano yoMzantsi Afrika, iCompetition Commission, ikhuphe ingxelo ngophando loqoqosho lwasezilalini nasezilokishini. Eyona ndawo ibigxile kuyo kuphando lwayo, lukhuphiswano phakathi kweevenkile ezikwezi ndawo. Umyinge wamashumi amane ekhulwini abantu beli bahlala ezilokishini, nto leyo eyenza kubekho umdla wokuvula iivenkile kwezi ndawo. Kuqikelelwa kwelokuba uqoqosho lweelokishi neelali zoMzantsi Afrika luxabisa i900-billion yeerandi. U-Amanda Xhala uncokole nophuma kwiCompetition Commission, nobeyinxalenye yolu phando, uZintle Siyo...
TRUNEWS @6 - The local economy contracted marginally in the second quarter of this year
Lwehle kancinci uhlumo loqoqosho loMzantsi Afrika kwikota yesibini yalo nyaka. Iinkcukacha-manani ezikhutshwe liziko leenkcukacha-manani, iStats SA, zibonisa ukuba imveliso yeli lizwe epheleleyo, iGDP ngamafuphi, yehle ngomyinge we-0.2 weepesenti kwikota yesibini yalo nyaka. Oku kuza emva kohlumo obelukumyinge we-0.4 wee-pesenti, kwikota yokuqala ka-2026. Awona macandelo aye adala oku kwehla aquka elemigodi. UVuyolwethu Mabeqa usilungiselele le ngxelo kaNothando Magudulela...
TRUNEWS @6 - The ANC has missed the Candidate Nomination System deadline. What does this mean for the party?
Ikomishoni ezimeleyo yonyulo, i-IEC, iyigxininisile into yokuba ayizukuphinda ivule elinye ithuba lokuba imibutho ifake abagqatswa bayo, okanye abagqatswa abazimeleyo emva kwexesha ebelibekiwe. Ngo Mvulo, iANC ikhuphe imbalelwano echaza ukuba lo mbutho uye wajongana neengxaki zobuchwepheshe kwinkqubo yeIEC, ngethuba ufaka abanye abagqatswa bayo ngaphambi kwexesha lokuvalwa kwesisigaba, intsimbi yesihlanu ngomhla wamashumi amabini anesibhozo kwinyanga ephelileyo. Ngethuba sincokola neIEC kwiveki ephelileyo, ithe akukhonto ibonakalisa ukuba kubeneengxaki kwinkqubo yayo yokufaka abagqatswa, ikwathi imibutho nabagqatswa abazimeleyo bebelinikiwe ixesha elaneleyo. Ukuncokola ngokuba oku kuthetha ukuthini ngale mibutho, u-Amanda Xhala uthethe nomhlalutyi wezopolitiko nokwakhel' umkhanya ezonyulo, uGqirha Nkosikhulule Nyembezi...
TRUNEWS @6 - The inquest looking into the death of Black Consciousness Movement Leader, Steve Biko, continues
Luyaqhuba uphando ngokusweleka kwenkokheli ye-Black Consciousness Movement, uSteve Biko, kwinkundla ephakamileyo yaseGqeberha. UBiko wasweleka ngonyaka ka1977, emva kokubethwa ngokungenalusini ngethuba eselugcinweni lwamapolisa. Kwafumaniseka ukuba wonzakala entloko. Ingqina ebelisemkhumbini ngowayeyikapteni yamapolisa lexesha lengcinezelo, uDaniel Petrus Siebert. U-Amanda Xhala uthethe nentatheli yethu ebilapho enkundleni, uLubabalo Dada...
TRUNEWS @6 - Bail application of two men accused of the murder case of former two time boxing world champion, Zolani "Lastborn" Tete
Isicelo sebheyile sabarhanelwa ababini ababandakanyeka ekubulaweni kowayesakuba yintshatsheli yomdlalo wamanqindi kwihlabathi, uZolani "Lastborn" Tete, sihlehliselwe uLwesithathu wale veki. UTete, wadutyulwa wabulawa ngaphandle kwekhaya lakhe kwiiveki ezimbini ezidlulileyo. Ukuva banzi ngalo mba, u-Amanda Xhala uthethe nentatheli yeli jelo, uHlumisa Qabaka...
Save video to ...